UZotsho uvula Ilizwi losuku (kwiNkolo kaNtu)
UZotsho ubeka ilizwi losuku kwindibano yenkolo kaNtu, apho iXhanti lomthonyama lalidibanele khona kwaHoho. Ndiyayithanda indlela iXhanti lomthonyama eliyenza ngalo inkolo kaNtu kuba alidibaneli kuxoxa ngamasiko, koko lithetha ngezinto ezidla ukuhlala. Thina maXhosa asingobantu abahamba bethetha ngamasiko nje naphina. Isiko yinto yekhaya xa kuzakuthethwa ngalo kudibana iinkonde zamakhaya kwenziwe ibhunga ukubonisa ukuba lento ilisiko yinto ephathwa ngobunono ngesidima nesithozela... NakwiiiRadio ke bekumeluba xa kusenziwa lenkolo kungaxoxwa ngamasiko koko kushunyayelwe ngezinto ezidla ukuhlala. Thina maXhosa andazi kwezinye izizwe isiko asilixoxi koko siyalenza, umzekelo inkwenkwe asiyifundisi ngolwaluko koko siyayolusa, intombi asiyifundisi ngokuthomba koko siyayithombisa njalo njalo... KwaXhosa umntu nomntu unendawo yakhe... Mandinganabi kakhulu koko nje ndizama ukugxininisa kwinto ethi masisukeni kumasiko bantu benkolo kaNtu sigxileni kwizinto ezithe gabalala ezidla ukuhlala... Masikhangeleni izinto ezisidibanisayo sisebenzise zona ke ukumisa lenkolo kuba xa sisebenzisa amasiko kwakuba nzima, khumbulani imizi ayifani ifana ngeentlanti kuphela. Camagu!!!